'

Nazi Indawo Esikhangela Kuzo Imisebenzi

Nazi Indawo Esikhangela Kuzo Imisebenzi

Nazi indawo esikhangela kuzo imisebenzi

Le post is inspired ngumbuzo ebesikhe sawubuzwa ngu Phila kwi inbox yethu ku Facebook. Ebefuna ukwazi ukuba sizifumana phi ezethu ii-posts zemisebenzi.

Sesimphendulile but we thought that masizibhale phantsi and share them nawe. Maybe zinga useful kuwe.

Nantsi i-top 4 yethu esiyithembhileyo.

  1. indeed.co.za
  2. pnet.co.za
  3. skillsmapafrica.com
  4. careerjunction.co.za

Indeed
Indeed ngumanqanqa, mama wazo zonke indawo zemisebenzi kwi internet. In fact, almost yonke imisebenzi ekhoyo kwi internet iyafumaneka pha. Indeed uyafana no Google. The difference is that u-Google uqokelela yonke i-information (including imisebenzi) ekwi internet whereas u-Indeed yena usebenza ngokuqokelela yonke i-information ekhoyo kwi internet edibene nemisebenzi.

Pnet.co.za
Pnet yena is our second favourite. Into esiyithandayo ngo Pnet is that usetyenziswa kakhulu zi company ezininzi ezinkulu zalapha e-South Africa kwi website pages zazo ze careers. Usenongayazi wena but ii-company ezifana no Clicks, Woolworths, Smollan, Dis-Chem, Alexander Forbes no Fidelity zisebenzisa i-software yakwa Pnet kwi websites zazo.

SkillsMap Africa
SkillsMap usenongamazi but is a very popular website esetyenziswa zi company ezinkulu. If uyazilandela ezinye ze links zemisebenzi esiyisherishayo then there’s a good chance wakhe waya kwi website yakwa SkillsMap. Ezinye ze company ezinkulu ezisebenzisa le website for imisebenzi ngu AVBOB, etv, Oprah Winfrey Leadership Academy for Girls, Assupol, Barloworld, Educor, Bayport no Juta.

Career Junction
You are less likely udibane nemisebenzi yakwa Sanlam okanye eyakwa SARS ku Indeed. But iyafumaneka ku Career Junction. Career Junction is one of our trusted websites for imisebenzi from ii-company esizithembhileyo and yena no Pnet bayazalana (baphethwe yi company enye). Thina simsebenzisela xa sikhangela imisebenzi ye IT. Eyona ngxaki yethu ngaye is that closing dates ziyathanda ukunqaba and eminye imisebenzi iyathanda ukubamidala.

Nazi ezinye indawo ongajonga kuzo imisebenzi

Wena ngeziphi ezinye indawo ozaziyo zokukhangela imisebenzi?



Be the first to comment

Leave a Reply